Ikhadi lakwaSASSA elinombala ogolide liza kuyeka ukusebenza ukusukela ngomhla wamashumi amabini kule nyanga, abo bangekawatshintshi amakhadi abo bayabongozwa ukuba benjenjalo ngokukhawuleza.
Image: File
Abantu abangekawatshintshi amakhadi akwaSASSA bayabongozwa ukuba bawatshintshe nanjengoko umhla wokugqibela ukule nyanga ngomhla wama20 kweyoKwindla 2025. Amakhadi amatsha asetyenziswayo ngoku ngamakhadi amnyama akwaPostbank.
Ekuqaleni, umhla obekiweyo wolu tshintsho yayingama28 kweyoMdumba 2025, kodwa yatshintshwa yaba ngenyanga yoKwindla ukunika abantu ixesha elongezelelekileyo. Umphathi wakwaPostbank, uNikki Mbengashe, uthi iinkcukacha-manani zabo zibonisa ukuphucuka okukhulu emva kokuba bekhuphe amakhadi angaphaya kwama300 000 ngeentsuku nje ezilishumi elinesibini njengoko besondela kwisigidi samakhadi abawakhuphileyo.
"Ndingakuxelela namhlanje sinamakhadi angaphezu kwama900 000 esiwakhuphileyo ukuza kuthi ga ngoku ngoMvulo. Ke sisondele kakhulu kwisigidi samakhadi, nesiqinisekileyo ukuba ekupheleni kwale veki okanye iveki ezayo sizoba sifikelele kwisigidi," utshilo uMbengashe.
NgoLwesithathu, iPostbank ixelele ikomiti yoPhuhliso loLuntu ngenkqubela ekuphumezeni ungenelelo kwinkqubo yokutshintshwa kwamakhadi.
IPostbank ibityholwa ngokungakhuphi amakhadi amatsha aneleyo, kukwavakala ukuba abantu basasokola ukufumana imali yenkamnkam kwiindawo ngeendawo zoMzantsi Afrika.
Ikhadi elidala lakwaSASSA eligolide ngombala liza kuyeka ukusebenza ngomhla wama20 kweyoKwindla 2025, ukuba abantu abawatshintshi amakhadi abo ngelo xesha, kuya kunyanzeleka bayokhupha imali yenkamnkam kwisebe lasePosini elikufuphi kubo.
Ukuba abantu bafuna ukukhangela iindawo ezikufuphi kubo ukuze baqokelele amakhadi abo akwaPostbank, kuthiwa abantu mabacofe u-*120*218*3# kwiimfonomfono zabo, ukuqhubeka nenkqubo baphendule ngokucofa u1 emva koko inombolo ehambelana nephondo abahlala kulo.
Ukuze kufunyanwe amakhadi amatsha akwaPostbank, abo banamakhadi amadala akwaSASSA kufuneka babe nesazisi saseMzantsi Afrika esisemthethweni, okanye isazisi sethutyana. Kuthiwa akukho khadi liza kukhutshwa ngaphandle kwala maxwebhu.
Ikhadi lakwaSASSA elinombala ogolide liza kuyeka ukusebenza ukusukela ngomhla wamashumi amabini kule nyanga, abo bangekawatshintshi amakhadi abo bayabongozwa ukuba benjenjalo ngokukhawuleza.
Image: File