UNonhlelelwa Matsebula ugwetywe iminyaka engamashumi amathathu ngokuxhwila nokubulala uKeeya Mbulawa.
Image: Pexels
UNonhlelelwa Matsebula, 34, ugwetywe iminyaka engama30 entolongweni yiNkundla ePhakamileyo yaseGoli ngokubulala intwazana eneminyaka emine ubudala ngokuyibophelela ngentambo emqaleni nokufaka umzimba wayo kwityesi.
Esi sigwebo siwiswe izolo, ngoLwesithathu. Inkundla iyalele uMatsebula ukuba adonse iminyaka engama20 kwesi sigwebo asinikiweyo phambi kokuba avunyelwe ukuba azame ukufaka isicelo sengqawule. UMatsebula uzivumile izityholo.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eGauteng, uPhindi Mjonondwane, uthe: "Uphando lukaKapteni Isaac Khubeka ophuma emapoliseni ludize ukuba ngomhla we13 kweyoMqungu 2024, umtyholwa waya kubantwana ababedlala eyadini waxhwila uKeeya Mbulawa ngeenjongo zokufuna imali ngenkani kubazali bomntwana."
UMjonondwane uthi uMatsebula wanika umntwana ijusi efakwe iipilisi ukuze alale, emva koko wambopha ngentambo entanyeni wafaka ikawusi emlonyeni. "Umtyholwa emva koko wafaka umfi [umntwana] kwityesi wazama ukuphuma kwindawo yexhwayelo kodwa wagagana nonina womntwana," utshilo uMjonondwane.
Umtyholwa kuthiwa wayinyengeza ityesi wanyamalala kodwa kamva wabanjwa nge29 kweyoMqungu 2024 emva kokuba umfanekiso wakhe usasazwe kumakhasi onxibelelwano.
Lo mntwana ubhubhe nge17 kweyoMqungu 2024 ngenxa yokungakwazi ukuphefumla okubangelwa yintambo awayebotshwe ngayo.
Related Topics: